Abstract:
Olu phandonzulu luxhentsa luzombelela kwimbono ethi, inkcubeko yamaXhosa isecicini lokuqhubeka nokubhunyulwa, ngenxa yefuthe leenkqubo zale mihla ezifana nempucuko, iteknoloji nongenelelo lweenkolo neenkcubeko. Ebuthunjini balo olu phandonzulu lugxininisa ukuba, uncwadi lomlomo lusisisombululo esinamandla kwiintsindabadala ezigubungele inkcubeko yamaXhosa, nkcubeko leyo ekungafuneki icime ezingqondweni zoluntu, ingakumbi ulutsha. Uphandonzulu olu lubhentsisa ubuncacholo bokuchana koncwadi lomlomo ekulondolozeni nasekuphuhliseni inkcubeko yamaXhosa. Uphandonzulu luxhathisa ngeentsika zoncwadi lomlomo ezine ezithe zachongwa ngokwenjongo, ukuze zibe nguvimba wolwazi: amaqhalo, iintsomi, izibongo neengoma zomthonyama. Lo msebenzi ugwencela, uze uxhathise ngenkcazobungcali yeSankofa, ukuze kuphenduleke imibuzo oloyame ngayo uphandonzulu. Ngokwenkcazo, inkcazobungcali yeSankofa ithi makubuywe umva, kuyokulandwa amacebo neendlela zokuphila kuvimba kandalashe. Le nkcazobungcali isetyenziswa ke ngoko ukutolika iindidi ezine zoncwadi lomlomo, ukuze kuvele ukuba ziyilondoloza njani inkcubeko, ngabuni, futhi ngaziphi iindlela. Indlela yophandonzulu, eluphandontyilazwi nabakhwetha balo (uhlalutyonzulu lwetekisi nohlalutyonzulu lomxholo), basetyenziswa ukuqokelela uvimba wolwazi, ukuhlela uvimba ochongiweyo nokucacisa imigudu eyenziweyo ukuqhuba olu phandonzulu. Esi sifundo sililinge lokuzama ukubuyisa nokukhusela inkcubeko yamaXhosa phantsi koxinzelelo kwanefuthe lale mihla. Ithemba lelokuba isizukulwana sale mihla nezo zizayo, ziya kuthi zifunde nto kulo msebenzi, ingakumbi amaqhalo, iintsomi, izibongo neengoma zomthonyama, ngeli xesha imibuzo emininzi ebikade yombathe umzi kaXhosa iya kuthi iphenduleke. Mayibethelelwe into ethi, ezi ntsika zoncwadi lomlomo zichongiweyo aziyi kuthelekiswa ngokwamandla okanye imisebenzi yazo, koko ziyanconywa, ziyaphicothwa, ziyabhentsiswa, ukuze kuvele ukuba uncwadi lomlomo luyikhusela njani, nakweziphi iimeko inkcubeko.