Institutional Repository

Impophomobuciko yemiba yamabhinqa nesini kwimibongo echongiweyo yesiXhosa

Show simple item record

dc.contributor.advisor Diko, Mlamli
dc.contributor.author Thengimfene, Anelisa
dc.date.accessioned 2025-02-21T13:00:21Z
dc.date.available 2025-02-21T13:00:21Z
dc.date.issued 2024
dc.identifier.uri https://hdl.handle.net/10500/32130
dc.description.abstract Olu phandonzulu luphonononga nzulu ukuzotywa kwamabhinqa kwimibongo yesiXhosa echongiweyo, kugxilwe kwimibongo ebhalwe ziimbongi ezingamadoda nabasetyhini, kubekwe umnwe kwimixholo yobugorha, ubutshantliziyo, ubunkokeli nobunina. Imibongo echongiweyo iquka: Umfikazi uCharlotte Mnyhi Maxeke ngokubhalwe nguSEK Mqhayi, A! No-Ndwe nguSEK Mqhayi, uMfikazi uNkskz uNozizwe Sigcawu nguDLP Yali-Manisi, Umfikazi uFrances Nonhi Mkencele nguSEK Mqhayi, A! Nosimo! NguS. Ngqongqwana, UNobomi nguSG Mama, Umfikazi uMbokazi nguSEK Mqhayi, kunye noUWinnie Madikizela-Mandela ngokubhalwe nguS Maputi. Le mibongo ityunjwe ngenxa yokuzoba abafazi kwiindima ezintsonkothileyo ezicel' umngeni izithethe zesini zemveli kwaye iqaqambise igalelo loluntu kunye nokuchasa okulindelweyo ngokwesini. Olu phandonzulu lujonge ukufumanisa ukuba indlela abazotywe ngayo abasetyhini inegalelo njani kwinguqu yentlalo kunye nokulingana ngokwesini. Uphononongo lusebenzisa uphandontyilazwi ukuqokelela ulwazi, ngakumbi uhlalutyo lomxholo, ukuphanda amaqhinga olwimi kunye nezixhobo zoncwadi zesiNtu ezisetyenziswe kwimibongo. Le ndlela yenza ukuba umphandinzulu akwazi ukuphonononga nzulu ukuba obu buchule boncwadi bunegalelo njani ekuzotyweni kwabasetyhini kwimisebenzi ekhethiweyo. Uphononongo nzulu luqulunqwe phakathi kwezithako ezimbini: Ubufazi baseAfrika, obujongene nemiba yabasetyhini baseAfrika, kunye nesithako sesini, esinika imiba ebanzi yokuphonononga ukuhlangana kwesini, kubandakanywa iimbono zamadoda kunye nabafazi. Ekugqibeleni, olu phononongonzulu lunegalelo kwiingxoxo mpikiswano eziqhubekayo malunga nokumelwa ngokwesini kuncwadi lwesiNtu, ngakumbi kwimeko yesihobe sesiXhosa, lunika ulwazi oluxabisekileyo malunga nokukhula kwamabhinqa kwizithethe zoncwadi lwesiNtu. xh
dc.format.extent 1 online resource (125 leaves) : color illustration en
dc.language.iso isiXhosa xh
dc.subject Abafazi xh
dc.subject Isini xh
dc.subject IsiXhosa xh
dc.subject Imibongo xh
dc.subject Ubufazi baseAfrika xh
dc.subject Isithako seesini xh
dc.subject Ubuqhawe xh
dc.subject Ubutshantliziyo xh
dc.subject Ubunkokeli xh
dc.subject Ubumama xh
dc.subject Feminist, Womanist, Bosadi Theorizations xh
dc.subject.ddc 896.3985
dc.subject.lcsh Xhosa poetry en
dc.subject.lcsh Poetry -- Women authors en
dc.subject.lcsh Women and literature -- South Africa en
dc.subject.other UCTD en
dc.title Impophomobuciko yemiba yamabhinqa nesini kwimibongo echongiweyo yesiXhosa xh
dc.type Dissertation en
dc.description.department African Languages en
dc.description.degree M. A. (IsiXhosa) en


Files in this item

This item appears in the following Collection(s)

Show simple item record

Search UnisaIR


Browse

My Account

Statistics